Balwela
UBOMI BABO
UMthimnye ucacisa enjenje:
Uqhubeka ehlala kwisitulo esinamavili emva kokuba wenzakala kakubi esilwa nentshatsheli uLawrence Ngobeni  ngoOktobha 1995. Ngoku uHope uhlala kunye nonina kwityotyombe elinamagumbi amabini eSoshanguve .
Uzuza i-R300 kuphela ngenyaka mali leyo evela kwikhomishoni yamanqindi - ulahlekelwe yiyo yonke into abeyithanda, inkosikazi yakhe eyawuqhawula umtshato, umzi wakhe kwanomsebenzi
UMbatha noko yena xa kuthethwa ngemali akanakukhalaza, ityala lokulaliswa esibhedlele nelalingaphezu kwe-R100 000 Iahlawulwa ngumphathi weGloves uRodney Berman nochaze ukuba ikhomishoni yamanqindi ayizange ikhuphe nesenti Ie.
Okusakhalazelwa emanqindini ukususela kwingozi kaEddy Ramathape kukuba ngubani ekufuneka ahlawule iindleko zonyango lwembethi-manqindi. lnkoliso yeembethi manqindi ikhangele kwiikhomishoni zamanqindi kweli nakwezephondo xa kube kukho iimbethi-manqindi zodumo ezisathi kusemagxeni eembethi manqindi ukuba zizihlawulele oko.
Kudala ndizama ukufumanisa ukuba ngubani ekufuneka ahlawule
ezonyango lukaEdward Ramathape . Kodwa ikhomishoni ithi umthelekisi nguye ekufuneka enze oko ukanti umthelekisi uthi oko kusemagxeni ekhomishini UHope Sole okhe walwa noMthimunye ubekade elixhoba hayi nje lokwenzakala emanqindini kodwa nelokungahlawulwa yiNgxowamali Yentlekele kwiimbethi-manqindi. Umhlolokazi kaMatthews Pule owayefudula eyintshatsheli yaseFreystata kudidi lwelightweight nowaselekwa ngo-1996 emva kokunkulwa nguGabisile Khulu eMtata ufumene nje imadlana yabantwana bakhe kule Ngxowamali iminyaka nje emibini.
Usinton Tsekeletsa wekhomishoni yamaNqindi eFreystata uthe: Ukuba inkosikazi kaPule yayise ngaphambili inge loo mali yayihlaziyiwe. Noko salunceda usapho lwakwaPule lulandelwe umzimbna wakhe eMpuma Koloni de sahlawula neendleko zomngcwabo kuba inkosikazi yakhe yayingaphangeli. Azizange zinyanzeliswe ngumthetho kodwa oko sakwenza ngokusuka ezintliziyweni.
I
 
nkoliso yeembethi manqindi ayifakwanga kwi-inshorensi , uvakalise oko uMava Mala oyinqununu kwiSANBCC . Ndisandul' ukungena kule ofisi nokona kuphambili kukuba kukuqiniseka ukuba le meko iyatshintsha . Kodwa siza kumela imbethi-manqindi nganye kwaye iza kufuneka izihlawulele inshorensi . Ndiza kuthethathethana neenkampani ezifanelekileyo malunga nenshorensi efanele iimbethi-manqindi.
Okwangoku iimbethi-manqindi ziza kukhupha 1,5% kumvuzo wazo ukuze uye kwiNgxowa-mali yentlekele. Oku kuthetha ukuba ziza kuncedakala ukuze mhla zenzakala zisilwa abondliwa zizo balale bedlile, ucacise oko uMala.
Umala ukwathe: Imali efunyanwa ziimbethi manqindi ezinjengoSole ayincedi. Akukho mntu unokuphila njenge-R300 ngenyanga.
Selifikile ixesha lokuba iimbethi manqindi zisukume zivakalise izikhalazo zazo malunga nale Ngxowa-mali yeNtlekele, impatho egadalala eziyifumana kubaphathi bamanqindi neenkampani zenshorensi ezingafuni kubanika inshorensi . Mna ndingomnye weembethi manqindi ezingonwabanga kwaphela ngale Ngxowa-mali yeNtlekele ukanti andikhuselekanga kwaphela xa



UHope Sole akanakuphinda akhwele eqongeni lamanqindi -kungoku nje uhamba ngesitulo esinamavili emva komlo wakhe noLawrence Ngobeni ngo-1995. Kunzima ukuziphilisa kuSole ngesibonelelo, SeR300  asifumane. ngenyanga .kwiBoxers .  Benevolent Fund .
BONA XHOSA  March 2000 41

kwenzeka ndenzakale ndisilwa, utshilo owakhe wayintshatsheli yeHlabathi kabini uDingaan Thobela.
Ulehlohonolo Ledwaba naye uyavuma ukuba kukho imfuneko .ekufuneka yenziwe nembethi-manqindi kufuneka ilungele umhla kaxakeka kodwa uyatsho ukuba iinkampani akhe waya kuzo malunga nenshorensi ziye azamnceda zisithi lo ngumdlalo oyingozi.
UThobela wongeze ngelithi iimbethi manqindi ziyoyika xa kufuneka zikhuselwe kwiimeko zaxa zingamaxhoba abathelekisi namagosa amanqindi.
linkampani zeinshorensi kufuneka zahlukane nokuthi lo ngumdlalo oyingozi. Kufuneka zibe nepolisi eya kukhusela iimfuno zembethi-manqindi. Ukuba kukho ipolisi enokuzikhusela mhlawumbi iimbethi manqindi ezinjengoHope bezinokukhuseleka.
Osisithethi senkampani yenshorensi ethandwa kakhulu ixelele iintatheli zeBONA ukuba ikho ipolisi elungiselelwe iimbethi manqindi.
Kodwa umthelekisi uBranco Milenkov ophethe malunga ne-100 Lembethi manqindi uthe akunakwenzeka ngabathelekisi ukufaka iimbethi manqindi kwinshorensi .  Imali enokufuneka inokuba ngaphaya kwamandla azo.
Okhe wayintshatsheli ehlabathini uThulani Sugarboy Malinga othe ene-44 leminyaka noyimbethi-manqindi endala kweli ukhalazile ngale meko esithi: Amanqindi afana nawo nawuphi na umsebenzi kuba awazi ukuba kungenzeka
Kokunjani Ukulaliswa Ngophothe Okuyingozi
IIMBETHI-MANQINDi zinokuhlangana neengozi eziintlobo-ntlobo xa zixhimfana ezona ziqhelekileyo kukwenzakala entloko kuba zithanda ukunkulana entloko xa zisilwa, uvakalise oko uGqr. Musiwakhe Qobose wekhomishini yamanqindi kweli.
Xa isithonga sigadlelwa, intloko nobuchopho zishukuma ngesantya esilinganayo - kodwa xa intloko ingashukumi nobuchopho benjenjalo. Eso sithonga sintlitha ukhakayi ngokufana nqwa nokuntlithana kweemoto zikwisantya se-80 khilometha ngeyure , kuxhomekeka ukuba eso sithonga sigadlelwa ngamandla angakanani.
Xa esenzakala naku okwenzekayo. Kutsaz' igazi kwimithambo yegazi, ukudumba okuye kuqhubeka kucinezela ubuchopho kucinezeleka oko kubangela ukwenzakala ebuchotsheni ngenxa yokuhlukuhleka, istrowukhu , icoma kwanokufa.
UGqr. Qobose esityebisela uthi: lmbethi-manqindi eyopha ebuchotsheni iyadidizela iwe. Kufuneka ibalekiselwe esibhedlele zisuka nje apho oogqirha kusenokwenzeka bayityande ukukhama igazi ebuchotsheni okanye kwimeko noko engaxhalisi banokuyithomalalisa imeko ngamayeza bafake isixhobo icathether ukuze ikhame igazi ebuchotsheni.
Phaya eKapa uNjingalwazi Tim Noakes weZiko lobuNzululwazi Ngezemidlalo ecebisa. uncomele ukuba iimbethi-manqindi ziyihoye impilo yazo.
Uthe: Xa kukho hlobo luthile lokwenzakala entloko kufuneka uchache ebuncinaneni iiveki ezimbini ukuya kwezine. Ngokwesigama sezonyango oku kubizwa ngokuthi window period - xa ukule meko uze uphinde untlithwe entloko unokwenzakala ebuchotsheni uze ufe.
Ukufa okothusayo kukaBrian Baronet kwaba ngumba onje. Iveki nje phambi kokuba sive umphanga wakhe eseqongeni lamanqindi uBaronet wayebandakanyeke kungquzulwano lweemoto apho wenzakala ebuchotsheni ngenxa yokuhlukuhleka kwentloko xa lo mlo wayewuxhomele omnye umhla ngeba usaphila nanamhlanje.
lkhomishoni yamanqindi iwa ivuka ukuze kuphetshwe ukwenzakala eqongeni lamanqindi njengokwenzeka kuBaronet , usiphokozele oko uGqr. Qobose.
Enye indlela yokwenza oku kukusebenzisa isalathiso sesohlwayo esisetyenziswa ekubhaleni isohlwayo esifunyanwa yimbethi-manqindi xa isilwa. Esi sohlwayo sibekwa ngokodidi olusuka ku-1 ukuya ku-4, u-4 uchaza isohlwayo esiqatha.
uEdward Ramethape wazuza u-3, isohlwayo nje esingaxhalisi, kumlo wakhe phambi kokuba adidizele awe.
Kuxhomekeka ngokwamanqaku akhe akolu luhlu, unikwa isiqabu ukuze ubuchopho bakhe buchache.
Ukongezelela kwesi salathiso, abaqeqeqeshi banokuwunqumamisa umlo xa bebona ukuba imbethi-manqindi ayikwazi ukuzihlanganisela. Nakuba oku kuphazamisa imbethi-manqindi nabaphathi bayo, Le kuphela kwendlela engasetyenziswa kuba ubomi bomntu bubaluleke kakhulu kunentshinga okanye irekhodi .
wenzakale nini okanye iindlela zakho zokuphila uphulukane nazo nini.
UMalinga uyazazi iingozi. Ukhe wabangela ukuxokozela emanqindini kwiminyaka emithathu egqithile.yo xa iSANNCC ingazange ifune ukuhlaziya ilayisensi yakhe yamanqindi isithi wenzakele ebuchotsheni. Ebakhupha loo nkani uMalinga waya eDenmark apho wanikwa ilayisensi waza walwa wankula uFrederick Alvarez kudidi
lweWorld Boxing Federation super middleweight .
Kodwa uMalinga waba nethamsanqa. Bekungenzeka azabuke sefana nooHubert Ezzakov ,  uJimmy Elliot ,  uJacob Dancing Shoes Morake, uBrian Baronet ,  uRazor Monamadi , uSthembele Booi noMatthews Upule abaphelela ngokubaziiTKO okanye amadoda anjengoGeorge Mbatha noHope Sole abaphila ngamacebo alusizi. 
42  BONA XHOSA - March 2000
kubalisa uBONGANI HLATSHWAYO kufote uBUTI HLANZE
I
 NKOLISO yolutsha ijonge umculo ikwaito nehouse music njengendlela yokuphucula iziphiwo zabo
zomculo. Kodwa uFikile Magubane, uZethu Mbatha
noThembi Mbatha balwa baphumelela belelo qela leMaskanda elibizwa ngokuthi Abantwana Bothando.
La ayingomagqiyazana nje asezilalini. Nakuba uFikile ekhulele eNquthu, uZethu eMadadeni noThembi eDumbe ePaulpietersburg , baqhelene noko nobomi basezixekweni.
Isizathu sokuba sikhethe imaskanda kungokuba sifuna ukunceda ulutsha luxabise iimvelaphi zabo zakwantu. Sijolise ekubumbeni imaskanda ithakazelise ulutsha njengokuba kunjalo ngekwaito ,  irap ,  ihouse music neminye imiculo.
Esi sithathu sibhebhetha nayiphi na impembelelo sisithi iMaskanda ngumculo abazibumbele wona.
44 BONA XHOSA -  March 2000
lemaskanda
lqela Iemaskanda elinamantombazana odwa elithi Abantwana Bothando libang' iingxaki
Phofu ke singabantu baseAfrika, bahlokome batsho.
UFikile fudula esombelela iqela elithandwayo Ihash' elimhlophe, kodwa unqwenele ukusebenza nabantu abangoontanga bakhe. UZethu uye wagayelwa ukusuka kwelinye iqela iAlois . Ukwadanise nakwiJimmy B . Uthe akuva ngeli qela wakhawuleza wajoyina ukuze abonise ngesiphiwo sakhe. UThembi uye wachukunyiswa nasesi sibakala waza wafaneleka gingci neli qela.
Bakhupha icwecwe labo lokuqala elithi Amalungelo nelakhutshwa ngoJuni 1998. EIi cwecwe lijoliswe kumalungelo abantwana nekuyinto esi sithathu esivakalela kakhulu ngayo.
Elithi Benjin  ,  Democracy Iikhumbuza ngembaluleka UN Conference on Women neyayiseBeijing ngo1995.
Ukuncokola ngesiZulu ngemicamango yabasetyhini
kuncede abantu nje ukuba basiqonde, utshilo uZethu.
Enye ingoma ikwancome iqela lebhola ekhatywayo
kweli iBafana Bafana nokuyikhuthaza ngokungena
kwayo okokuqala kwiWorld Cup eFrance .
Icwecwe labo elitsha elithi lgazi Lomntu Liyakhuluma, libonakala lijoliswe kubabulali bayeke ukubulala abantu abamsulwa. Eminye imiba abayichazayo iquka ubhubhani weAIDS nokucalucalulwa ngesini.
Sithethe ngemiba eyahlukeneyo ukanti
kwangaxeshanye sisonwabisa, utshilo uThembi.
lndlela othakazelwa ngayo umculo wabo iyavuyisa,
uThembi utsho.
Sifumene iincwadi ezivela kubathandi bomculo ukanti sifumene abalandeli abaninzi bomculo. Ngokwenene bayawuphulaphula umculo wethu basibuza imibuzo emininzi sakudibana nabo.
Amantombazana amathathu eqela elithi Abantwana Bothando awanakwahlukaniswa, ayaziqeqesha xa kuthethwa ngemiba yokushishina neyentlalo. Bakwanamacebo ngemisebenzi emva kwezolonwabo.
UFikiIe upase imatriki ngo-1997 eceba nokuba abe yiPhysiotherapist . UZethu ngoku wenza izifundo, zebusiness management aze uThembi athande ukuba abe yiaccountant kodwa okwangoku wenza uGrade 9.
Kodwa okwangoku banethemba Iokuba ingomso
liza kubaphathela ithamsanqa nempumelelo
emculweni wabo.
Siza kuwuhlaziya ngokutsha umculo eMzantsi
Afrika - ekugqibeleni kube sehlabathini - abantu
sibabuyisele apho basuka khona.

